Перейти к содержимому

The Lord's Supper [ᵁᵐᵗʰᵉⁿᵈᵉˡᵉᵏᵒ ᵂᵉⁿᴷᵒˢⁱ] 🍞🍷🍪 ᴘᴀɢᴇ 252, led by 𝗥𝗲𝘃. 𝗞. 𝗠𝗱𝗼𝗱𝗮. ²¹/¹¹/²⁰²¹

Methodist Community (A Holy Convocation)

0:00 / 0:00

The Lord's Supper [ᵁᵐᵗʰᵉⁿᵈᵉˡᵉᵏᵒ ᵂᵉⁿᴷᵒˢⁱ] 🍞🍷🍪 ᴘᴀɢᴇ 252, led by 𝗥𝗲𝘃. 𝗞. 𝗠𝗱𝗼𝗱𝗮. ²¹/¹¹/²⁰²¹

376 просмотров · 4 года назад
Methodist Community (A Holy Convocation)
17,2 тыс. подписчиков
376 просмотров · 4 года назад
ᴘᴀɢᴇ 248 : "ᴢɪᴘʜᴀᴋᴀᴍɪꜱᴇɴɪ ɪɪɴᴛʟɪᴢɪʏᴏ ᴢᴇɴᴜ" ᴷᵘʸᵃᵏᵘʰᵃⁿʲⁱˢʷᵃ ⁿᵍᵘᵐᶠᵘⁿᵈⁱˢⁱ ⁿᵍᵒᵏᵘᵗʰⁱ : Ziphakamiseni iintliziyo zenu. Abantu: Siya ziphakamisela kuYehova. Ma sibulele kuYehova uThixo wethu. Abantu: Kufunelekile ukwenje njalo. KUFANELEKILE kunene, kulungile, ngumsebenzi esiwubangelwayo, ukuba sithi ngamaxesha onke, kuzo zonke iindawo, sikubulele Yehovah, Thixo onamandla onke, ongunaphakade. ᴬᵇᵃⁿᵗᵘ ᵇᵃˡᵃⁿᵈᵉˡᵉ ᵘᵐᶠᵘⁿᵈⁱˢⁱ ᵃᵖʰᵃ. NGOKO kwakunye neengelosi, nawo wonke umhlambi wase zulwini, siyalibonga igama laKho elingcwele, silizukisa; simana ukukudumisa sisithi: Uyingcwele, Uyingcwele, Uyingcwele, Yehovah, Thixo wemikhosi; ubungcwalisa baKho buzalise izulu nomhlaba. Ma udunyiswe nKosi ephezu konke. Amen. ᴹᵃ ᵏᵘᵍᵘqᵉ ᵘᵐᶠᵘⁿᵈⁱˢⁱ ⁿᵍᵃˢᵉᵗᵃᶠⁱˡᵉⁿⁱ, ᵃᵇᵃᵗʰᵃⁿᵈᵃᶻᵉˡᵉ ᵇᵒⁿᵏᵉ ᵃᵇᵃᶻᵃ ᵏʷᵃᵐᵏᵉˡᵃ ᵘᵐᵗʰᵉⁿᵈᵉˡᵉᵏᵒ, ⁿᵍᵒᵐᵗʰᵃⁿᵈᵃᶻᵒ ᵒˡᵃⁿᵈᵉˡᵃʸᵒ; ᵇᵉᵍᵘqⁱˡᵉ ⁿᵃᵇᵒ ASIZI kule tafile yaKho, nKosi enofefe sithemba ubulungisa bethu, siza ngokuthemba izibele zaKho ezikhulu nezinzi. Asifanelekile thina nokuba singachola imvuthuluka ngaphantsi kwetafile yaKho. Kodwa wena uyinKosi ehlala inetaru ngamaxesha onke. Siphe nKosi enofefe ukuba siyitye inyama yonyana waKho uYesu Kristu, silisele negazi laKhe ngohlobo, lokuze imizimba yethu yoboomi ihlanjululwe ngomzimba waKhe, ithi nemiphefumlo yethu ihlanjwe ngegazi laKhe elinqabileyo, sihlale sihleli kuYe, naYe ahlale ehleli kuthi kude kube ngunaphakade. Amen. ᴬᶻᵉ ᵘᵐᶠᵘⁿᵈⁱˢⁱ ᵃᵗʰᵃⁿᵈᵃᶻᵉ ᵃᵗʰⁱ: Thixo, onamandla onke, Bawo wethu wasezulwini, othe ngofefe lwaKho olukhulu wasinika uNyana waKho emnye uYesu Kristu, ukuba eve ubunzima ngokubethelelwa emthini, ukuze sikhululwe. Owathi ngokuzinikela kwaKhe awakwenza kunye kanye, weenza idini elizalisekileyo, nomnikelo ofezekileyo, nentlawulelo eyanelayo ngenxa yezoono zalo lonke ilizwe ; owathi ngenxa yezoono zalo lonke ilizwe ; owathi kanjalo wamisela isikhumbuzo esingapheliyo sokufa kwaKhe, watsho evangelini yaKhe engcwele ukuba ma sisigcine ade abuye afike. Siya kubongoza nKosi enofefe ukuba usive. Siya zamkela ezi zinto zaKho isonka ne wayini, ngommiselo ongcwele woNyana waKho uYesu Kristu umSindisi wethu ; sizamkelela ukuze simana ukuzikhumbuza ngokufa kwaKhe nobunzima owabuvayo, kungoko le nto sabelwayo umzimba waKhe oyintsikelelo, negazi lakhe elilithamsanqa. Wathi naYe ngobobusuku wayenikelwe ezintshabeni, waathabatha isonka; waza akuba ebulele wasiqhekeza, wasabela abadisipile baKhe esithi: Thabathani nitye,esi singumzimba owanikelwa nina ; kwenzeni oku ngokundikhumbula. Wathi kanjalo emva kwesidlo sokuhlwa, wathabatha nendebe; waza , akuba ebulele, wabanika esithi: Selani nonke kuyo, ngokuba ligazi lam lomnqophiso omtsha eliphalazelwe ngenxa yenu nabaninzi, kuze kubekho ukuxolelwa kwezoono; kwenzeni oku xa niselayo nindikhumbule. Amen. UmFundis ma kathabathe ngokwakhe umthendeleko, andule ukubamkelisa abanye abaFundisi abamncedisayo (ukuba bakho). Aze amnkelise abantu, beguqile bonke. Xa abanika ngabanye isonke makathi: Umzimba wenKosi yethu uYesu Kristu, owanikelwa wena, wanga ungalondoloza umzimba nomphefumlo wakho, kude kube ngunaphakade. Thabatha, utye esi sonka, ngokukhumbula ukuba uKristu wakufela, udle yena entliziyweni yakho ngokholo nangombulelo. Ma kathi umFundisi xa abamkelisa indebe: IGAZI lenKosi yethu, uYesu Kristu elaphalazwa ngenxa yakho, langa lingawulondoloza umzimba nomphefumlo wakho, kude kube ngunaphakade. Sela lule ndebe, ukhumbule ukuba igazi lika Yesu laphalazwa ngenxa yakho, ubulele.