Hymn 314♡ Yilwani imfazawe! Idabi lokholo. Xhobani zonk' izixhobo Zomkhosi kaThixo! ³⁰/⁰³/²⁰¹³ ♥ ♥
Methodist Community (A Holy Convocation)
0:00 / 0:00
Hymn 314♡ Yilwani imfazawe! Idabi lokholo. Xhobani zonk' izixhobo Zomkhosi kaThixo! ³⁰/⁰³/²⁰¹³ ♥ ♥
5 851 просмотр · 5 лет назад
Methodist Community (A Holy Convocation)
17,2 тыс. подписчиков
5 851 просмотр · 5 лет назад
Yilwani imfazawe!
1.Idabi lokholo.
Xhobani zonk' izixhobo
Zomkhosi kaThixo!
2.Binqan' inyaniso,
Thiyan' ubuxoki ;
Nobumene-mene bonke,
Mabuchaswe nini.
3.Nxibani niphela
Ingcina-sifuba,
Esinqhin' ubulungisa,
Kubo bonk' abantu.
4.Xhobani ukholo,
Ma lube likhaka.
Lokuvika zonk' iintolo,
Zokhohlakeleyo.
5.Thwalani umnqwazi
Walo uSindiso ;
Niphath' ikrele lo Moya
IZwi lika Thixo.
6.Naazo izixhobo,
Makroti akwaThixo ;
Thandazani ningaphezi,
Hlalani kuMoya.
7.Lowo woyisayo,
Ndomhlalisa nami,
Njengoko naM ndooyisayo,
Ndahlala noBawo.